UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isihlomelo 5

UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika (1996)
Isihlomelo 5: Imimandla Yentsebenzo Ekuzizindlu Zowiso-mthetho Zamaphondo Kuphela Ezinegunya Kuyo
291561UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika — Isihlomelo 5: Imimandla Yentsebenzo Ekuzizindlu Zowiso-mthetho Zamaphondo Kuphela Ezinegunya Kuyo1996

iCandelo A

  • Iindawo zokuxhelela
  • Iinkonzo zeenqwelo zezigulana
  • Oovimba abangengabo oovimba belizwe
  • Amathala eencwadi angengawo amathala eencwadi elizwe
  • Amaphepha-mvume eevenkile zotywala
  • Iimuziyam ezingezizo iimuziyam zelizwe
  • Izicwangciso zephondo
  • Imicimbi yenkcubeko yephondo
  • Iindawo nezinto zokuzihlaziya kwiphondo
  • Imidlalo kwiphondo
  • Iindlela nezithuthi kwiphondo
  • Iinkonzo zonyango lwezilwanyana, kungaqukwanga ukulawulwa kwalo msebenzi ufundelweyo


iCandelo B
Nale micimbi yoorhulumente basekuhlaleni ilandelayo, ukuya kuthi xhaxhe kumda ochazwe kwisiqendu 156(6)(a) nese-(7):

  • Iibhitshi neendawo zokuzonwabisa
  • Izibhengezo ezibhaliweyo nokunanyathiselwa kwezibhengezo kwiindawo zikawonke- wonke
  • Imimandla yamadlaka, imizi yabangcwabi nokutshiswa kwezidumbu
  • Ukucoca
  • Ukulawulwa kwezinto ezicaphukisa uluntu
  • Ukulawulwa kwamashishini athengisela uluntu utywala
  • Iindawo zokugcinwa, nokunonophelwa nokungcwatywa kwezilwanyana
  • Ukubiya
  • Ukukhutshelwa kwezinja amaphepha-mvume
  • Ukukhutshelwa amaphepha-mvume kwamashishini athengisela uluntu ukutya noku- lawulwa kwawo
  • Izinto ezenz’ubomi bube lula zasekuhlaleni
  • Iindawo zemidlalo zasekuhlaleni
  • Iindawo zemidlalo zasekuhlaleni
  • Iimarike
  • Iindawo zokuxhelela zikamasipala
  • Imiyezo kamasipala nokuzihlaziya
  • Iindlela zikamasipala
  • Iingxolo
  • Iindawo zokugcina izilwanyana ezithinjiweyo
  • Iindawo zikawonkewonke
  • Ukuthuthwa kwenkunkuma, iindawo zokulahlela inkunkuma, nokulahlwa kwenkunkuma
  • Ukurhweba ezitratweni
  • Ukukhanya ezitratweni
  • Izithuthi neendawo zokupaka